UNeo Maema esilwela ibhola emdlalweni ohlakulela iCHAN obuphakathi koMzantsi Afrika neYiphutha ngempelaveki egqithileyo.
Image: BackpagePix
UMolefi Ntseki ubaqhwabele izandla abadlali bakhe abancede uMzantsi Afrika ophumelele umdlalo obalulekileyo. Lo mqeqeshi wethutyana ukuthethe oku emva kokuba uMzantsi Afrika woyise iEgypt ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obusebusuku ngeCawe egqithileyo. Le yimidlalo ehlakulela itumente yeCAF ekuthiwa yiAfrican Nations Championship (CHAN).
UMzantsi Afrika udlulela kwisigaba esilandelayo samalungiselelo eCHAN emva kokubetha iEgypt ngo'4-2 emidlalweni emibini. Kuye kwanyanzeleka ukuba iEgypt ife namthanyana ngoba yabambana ngegowuli macala noMzantsi Afrika emdlalweni wokuqala. UNeo Maema, uYandisa Mfolozi noSiphelele Luthuli ngabadlali abancede uMzantsi Afrika ngamagowuli amathathu.
Basebenzisene kakuhle noNtseki ongene endaweni kaHelman Mkhalele ongakwazanga ukuba yinxalenye yamalungiselelo omdlalo ogqithileyo ngenxa yengxaki emveleleyo. UNtseki, osuka kwiMarumo Gallants, ufike wenza akuqhelileyo kwiqela lesizwe. Emva komdlalo umqeqeshi uthe iqela lakhe liye emdlalweni liqinisekile ngokuqhuba kakuhle ngoba abadlali bebezimisele kakhulu ejimini.
"Ndicinga ukuba umdlalo siwuphumelele sisesejimini - apho siwulungiselele khona. Abadlali basebenze emdlalweni ngendlela ebesiwulungiselele ngayo umdlalo," utshilo uNtseki echwayitile. Enye yezinto ayincome kubo kukunyamezela zayo iEgypt enabadlali abasemgangathweni ophezulu futhi abadlala umdlalo ngokuzimisela ngamaxesha onke.
"Indlela abanyamezele ngayo emdlalweni ibonise ukuzimisela kwabo ukwenza umsebenzi ngendlela ebesizilungiselele ngayo. Ukufumana igowuli kwangoko emdlalweni kuyiphazamisile kakhulu iEgypt ebaleni layo.
"Nendlela ebesidlala ngayo xa ibhola ingekho kuthi iyancomeka. Abangadlalanga abadlali bebenika abadlalayo inkxaso," utshilo uNtseki. Emva kokuwisa iEgypt, ngoku uMzantsi Afrika ugxeleshe ukuwisa iMalawi emdlalweni ozayo kutsho kwande amathuba okuya kwiCHAN.
Related Topics: