News

UMadonsela uzakudontselwa enkundleni yamatyala

Sithandiwe Velaphi|Published

SITHANDIWE VELAPHI

Umkhuseli woluntu uThuli Madonsela ugxekwe kabukhali yinkosikazi engusomashishini yase Qumrha kulandela ukwahluleka kwakhe ekukhupheni kwangexesha ingxelo emalunga nesikhalazo sendlela ekushishinwa ngayo kwimidyarho yamahashe kweli.

UPhindi Kema, ongumntu ontsundu wokuqala wasetyhini kwelilizwe eshishina ngokukhulisa amahashe okuphaliswa, wafaka isikhalazo kuMadonsela phantse kwiminyaka emine edlulileyo.

UMadonsela angazibona edontselwa enkundleni emva kokuba uKema eyalele amagqwetha akhe ukuba abhalele uMadonsela, emxelela ukuba uzakubhenela enkundleni ukuba ayide iphume le ngxelo.

UKema, oqale ukuzibandakanya neshishini lokukhuliswa kwamahashe okuphaliswa kwiifama zase-Addo kweli phondo koka-2007, uthi wabhenela kuMadonsela emva kokuba esithi wavumbulula ngokumandla undlela-mnyama namaqhinga kwindlela eliqhutywa ngayo elishishini kwelilizwe.

UKema uthi kwakulithuba apho wayetyelele eQatar e-Asia ngethuba efumanisa ngokutyeba kweshishini lokuphalisa amahashe eMzantsi Afrika.

Yayi lelo thuba apho uKema wathi waqhakamshelana nenkampani yokuphalisa nokungcakaza ngamahashe iPhumelela efuna iindlela zokuthenga ibala lomdyarho wamahashe i-Arlington eliseBhayi.

“AbakwaPhumelela bavuma besithi bazakundithengisela eli bala. Kodwa kamva, emva kokuba befumanise ukuba ndizakusebenzisana nabanye abantu, bajika kwisigqibo sabo, besala ukundithengisela,” utshilo uKema, ngethuba ekudliwano-ndlebe lephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa.

Uthi ukwala kwePhumelela ekumthengiseleni i-Arlington kukuba le nkampani ifuna amathuba akwelishishini abekubantu abathile. “Emva kokuba belile ukundithengisela, iPhumelela yafuna ukuthengisa eli bala ilithengisela umasipala ombaxa wase Bhayi. Ngethamsanqa umkhuseli woluntu wakunqanda oko esithi usaphanda,” utshilo uKema.

UKema uthi wayexelelwe ukuba olu phando lakuba luphethulwe ngeyeKhala kunyaka ka2014. “Mna ndandicinga ukuba umxakatho othwele yimali ekweli shishini kuquka nendlela emise ngayo eli shishini ngobubanzi, yayiza kufumana ingqwalasela kumkhuseli woluntu,” utshilo uKema.

“Ndiyayiqonda ukuba umkhuseli woluntu unoxinzelelo lweminye imisebenzi, kodwa lide eli thuba. Kudala ndilindile,” kutsho uKema.

UKema wafaka isikhalazo emva kokuba urhulumente wase Rhawutini koka-1997 wathi watyikitya isivumelwano kwakunye nenkampani iTotalisator Agency Board (TAB) ikunye neHighveld Racing Authority kuquka namaqela emiphaliso yamashe eRhawutini, ukuze kusekwe inkampani entsha iPhumelela.

Kwimbalelwano esuka kuAdvocate Stoffel Fourie, we-ofisi kamkhuseli woluntu, le-ofisi ayikhange icacise ncakasana izizathu zokuhamba kancinci kolu phando.

Isithethi kwi-ofisi yomkhuseli woluntu u-Oupa Segwale akakhange afumaneke ukuphefumla, nangona nje ebethunyelelwe imibuzo nge-imeyili.

UKema uthi i-ofisi kamkhuseli woluntu ikhuphe imbalelwano eya koonondaba kwiveki ephelileyo ixolisa malunga nalenyewe. “Akukho nto lundincedisa ngayo oloxolo kuba ishishini lam limile ngxii,” utshilo uKema. Uthi iziphumo zolu phando zakutshintsha indlela elilawulwa ngayo ishishini lokuphalisa amahashe.