News

IMpuma Koloni inengxaki notywala

Sithandiwe Velaphi|Published

Kwiphondo leMpuma Koloni sithetha nje bangaphaya kwamawaka asibhozo (8 000) abantu abafake izicelo kwibhodi elawula ukuthengiswa kotywala kweli phondo (Eastern Cape Liquor Board), befuna imvume yokuthengisa utywala.

Oku kwenzeka ngethuba apho le bhodi ixakane nomsebenzi wokunwena kweendawo zothengiso-tywala ezingekho semthethweni.

USithandiwe Velaphi weli jelo uncokole nengqonyela kwibhodi elawula ukuthengiswa kotywala eMpuma Koloni uKhanyile Maneli.

Sithandiwe Velaphi (SV): Mnumzan’ uManeli sicela usixelele ukuba yintoni umsebenzi wale bhodi yenu?

Khanyile Maneli (KM): I-Eastern Cape Liquor Board ilawula indlela ekuthengiswa nekusetyenziwa ngayo utywala ephondweni. Oku kuquka ukunika imvume kwiindawo ezintsha ezifuna ukuthengisa utywala.

Le bhodi yenza umsebenzi omkhulu wokuqinisekisa ukuba iindawo ezithe zanikwa iimpepha-mvume zokuthengisa zikwenza oko ngendlela. Sikwanoxanduva lokuvala zonke iindawo ezithengisa utywala ngokungekho semthethweni. Kwalapha ngaphakathi kuthi, sikwanalo isetyana elikhuthaza ukuba abantu bayazi indlela elungileyo yokusela utywala. Sikwaqiniseka ukuba abantwana abaseli utywala.

SV: Bekukho iphulo lakutshanje apho benivale izikroxo ezingekho semthethweni kuGatyana, benisuswe yintoni?

KM: Intsusa-mabandla yola gqogqo lakuGatyana, ize emva kokuba siphawule ukuba zininzi iindawo ezithengisa utywala phaya, zibe zingekho semthethweni. Inkosi (uNgwenyathi Dumalisile) yenye zeelali (Shixini neendawo ezingqongileyo) zakuGatyana, isixelele ukuba izehlo zolwaphulo-mthetho zithe gqolo ukwenzeka kwindawo yayo, ngenxa yokusetyenziswa gwenxa kotywala.

Abantu bala ndawo bavuye kakhulu ukubona ivalwa imizi ethengisa utywala ngokungekho semthethweni.

SV: Xa umntu engena kumzi wokuthengisa utywala, uyibona njani ukuba lo ndawo isemthethweni?

KM: Indawo okanye umzi othengisa utywala kufuneka abe kanti uxhome isatifikethi sokuthengisa utywala, sibonwe nguwo wonke umntu. Ukuba asikho esosatifikethi, kufuneka uyazi ukuba ayikho semthethweni lo ndawo.

Xa ii-inspectors (abahloli) zethu zifika kwindawo engekho semthethweni zinelungulelo lokubamba nabantu abo baselayo apho ngelo xesha.

SV: Niqinisekisa njani ukuba imizi ethengisa utywala ngokusemthethweni iyayithobela lo mithetho?

KM: Amagosa (abahloli) ethu ayatyelela ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa le mithetho. Phakathi kweminye yalo mithetho kukuba umzi ngamnye kufuneka ubenezindlu zangasese ezimbini-eyabasetyhini neyamadoda. Xa imiqathango yelayisenisi ingathotyelwa, sinelungelo yokuyithatha lo layisenisi, siyivale lo ndawo.

SV: Kunzima kangakanani ukufumana iimpepha zokuthengisa utywala?

KM: Xa ubani efaka isicelo sokufuna ukuthengisa utywala, siye sithumele ii-inspectors zethu ziyokujonga le ndawo uza kuthengisela kuyo.

Ngokomzekelo, iindawo zokuthengisela utywala kufuneka zibekude kangange-100 metres (iimitha ezilikhulu) ezikolweni kwakunye neetyalike. Imizi yokuthengisa utywala ayifanelekanga ukuba iphazamisane nezikolo neetyalike.

Okwesibini siye siqinisekise ukuba abantu baloo ndawo, ifuna ukuthengisa utywala, bayabizwa nguceba wabo kuthethwe nabo, ze sive ukuba bayavuma kusini na. Abantu banelungelo lokwala ukuba makuthengiswe utywala kwindawo yabo, bakwenze oko phantsi kwezizathu abazibekayo.

SV: Yintoni le inzima kubantu basezilalini ukuba bafumane iimpepha zokuthengisa utywala?

KM: Lo nto ndifike ndadibana nayo kakhulu apha (ekuqaleni konyaka). Abantu basezilalini abanazo zonke izinto esizifunayo xa ubani eza kuthengisa utywala. Xa ubani eza kuthengisa utywala, kufuneka abenendlu elungele oko kwaye kubekho izindlu zangasese ezimbini.

Abantu basezilalini abanazo ezi zinto. Nemali esiyifuna kumntu ofaka isicelo abakwazi ukufikelela kuyo abantu basezilalini, kuba sifuna ngaphaya kwe-R3 000 kwisicelo ngasinye. Yiyo lo nto sineentshukumo esizenzayo ukudibana nesebe lorhwebo noshishino ukuze sincedise abantu abafuna iilayisenisi.

Luxanduva lwethu ukuncedisa abantu abafuna ukuxhamla kwishishini lokuthengisa utywala.

SV: Iinkquleqhu zenu zokuqubisana nemizi ethengisa utywala ngokungekho semthethweni, yimfazwe eninakuyoyisa?

KM: Akululanga tu, uthi uvala ngapha kube kuvela enye ngaphaya. Abantu bakuthi, ukuthengisa utywala, bakubona njengekhubalo lokuzihlangula endlaleni. Sizimisele ukuba siza kuqubisana nalo eli dabi lemizi ethengisa ngokungekho semthethweni.

Inani labantu abafake izicelo zokuthengisa utywala lenyuke kakhulu. Sithetha nje bangaphaya kwe-8 000 (amakhulu asibhozo) abantu abafake izicelo kuthi.

Kunyaka-mali (2014-15) esisuka kuwo, senze ngaphaya kwe-R17 million yemali esiyifumene kubantu abahlawule izicelo kwanabo bahlaziya izicelo zabo. Umceli-mngeni wethu ngoku kukuba sinqongotshelelwe ngabahloli (inspectors) kweli phondo.

Abahloli abajongene neli phondo balishumi elinesibini (12) kuphela. Uyakukhumbula ke ukuba ababahloli kufuneka betyelele zonke iindawo (ezilalini, ezilokishini nakwiidolophu) ezithengisa utywala, beqinisekisa ukuba iyathotyelwa imiqathango. Sisikhalo esinaso ke esi kwisebe (loKhuseleko) ukuba masikhe sangezelelwe imali yokuba sikwazi ukuqesha abahloli abathe xhaxhe, abaza kukwazi ukutyelela iphondo.

SV: Niqinisekiza njani ukuba niyabakhuthaza abantu ukuba basele utywala ngenkathalo?

KM: Luxanduva lwethu ukukhuthaza abantu ukuba mabasele ngenkathalo. Zikhona iindawo apho sithe safumanisa, ngokophando lwethu, ukuba utywala busetyenziswa kakhulu, ingakumbi ngabantwana. Sineenkqubo esinazo apho siye sityelele izikolo sikhuthaze abantwana ukuba bathabathe inxaxheba kwimidlalo yeqonga neengxoxo-mpikiswano ezigqamisa iziphumo ezenzeka xa ubani esebenzisa gwenxa utywala.

Esikulwayo kukuselwa kotywala ngabantwana.